Surprise Me!

Nkululeko Mdudu - |||Bazali Bam

2014-11-08 2 Dailymotion

Bazali bam, Tata noMama;
Ndithi xa ndicinga ngani
Ndiphelelwe ngamazwi.

Indlela enindikhulise ngayo
Nengqeqesho enindinike yona
Andisoze ndiyilibale.

Ndinibulele kuqala xa nithe
Anadinwa kukundixhasa
Ndade ndakwi-19 yeminyaka.

Ndinibulela ngemithandazo ebendiyazi
Ukuba nisoloko nindibeka kuyo
Xa bendingafumani msebenzi.

Kudala ndicinga ukuba
Ndingathi ze nazi ukuba
Ndiyanithanda, kwaye ndiyanibulela.

Le leta ndiyibhala
Ndibuhlungu kuba
Ebomini andikanenzeli nto.

Tata noMama ndiyambulela
UThixo Ngokundinika
Abazali abanje ngani.

Kukho abantwana abangakhulanga
Nje ngam, yaye ndisoloko ndimcela
UThixo anolulele imihla, nife ndiphangela.

Ndike ndicinge ukushiya iKapa
Ndincedise nina endlini, ntonje
Abukho ubom ngaphandle komsebenzi.

Nimxelele no-Bra Mol ukuba
Ndiyambulela yaye
Ndiyamkhumbula. Nihlale kakuhle.

Tata, sonke usikhulisile; sobalithoba
Hlala phantsi ke ngoku Ngwanya
Uzonwabele iimali zakho.

UThixo ukuphile ubom
Sukuba sazikhathaza
Ngomsebenzi ngoku.

Onithandayo ngenene:

T.M Mdudu

Nkululeko Mdudu

http://www.poemhunter.com/poem/bazali-bam-2/

Buy Now on CodeCanyon